Bumnandi Ubomi Noxa Bunamahla Ndinyuka

Bumnandi Ubomi Noxa Bunamahla Ndinyuka

by Nonzwakazi George-Benenengu
Bumnandi Ubomi Noxa Bunamahla Ndinyuka

Bumnandi Ubomi Noxa Bunamahla Ndinyuka

by Nonzwakazi George-Benenengu

eBook

FREE

Available on Compatible NOOK Devices and the free NOOK Apps.
WANT A NOOK?  Explore Now

Related collections and offers

LEND ME® See Details

Overview

Amabali amafutshane abhalwe kulencwadi ayingqokelela yeziganeko ezohlukeneyo. Ezinye iziganeko zizinto ezenzeka phambi kwethu, ezinye ke ziziganeko esiziva ngembali.
Ndiyacinga ukuba wonke umntu unayo imbali yokukhula okanye yeziganeko azibone ngexesha ekhula. Yonke imihla kukho into ongayithetha ngobomi ngezinto ezintle nezimbi ngobomi bakho.
Ukubhala ngamanye amaxesha kukufuna ukuyala nokulumkisa ngandlela ithile. Omnye umntu angayibona njengento engenamsebenzi into yokubhalela abantwana bakho. Kulencwadi ke ndiyabonakalisa ukuba ubomi abunzimanga olohlobo. Ndibulela kananjalo kumzali wam, othe wayiveza iminqweno yakhe ngekamva lam.

Thina bantwana bantsundu ingakumbi abasuka eMpuma Koloni, sibanayo ingxaki sakufika apha ezidolophini. Ubomi obukhawulezayo, ukuya eYunivesthi, ukuhlangana nabahlobo abatsha kwakunye nabalingane. Ngaphandle kokuba ndiyaphazama, abazali bethu babengenayo indlela yokusilumkisa ingakumbi thina mantombazana. Kwakunzima ukuba umzali ukuxelela ngezinto zobomi, umzekelo, iindlela zokuziphatha kwamakhwenkwe okanye amantombazana, ukuzikhusela, ukufezekisa iminqweno yakho kwizinto ofuna ukuzenza usakhukhula.

Babesuka bakungxolise xa bekucingela ukuba sele ufikelele kwithuba lokwenza oko. Zizinto ke ezo ezithi zibonakalise ubomi bakho usakuba wedwa uzenzela isigqibo.


Product Details

BN ID: 2940155778066
Publisher: Nonzwakazi George-Benenengu
Publication date: 08/15/2018
Sold by: Smashwords
Format: eBook
Sales rank: 243,877
File size: 201 KB
Language: Xhosa

About the Author

Ndizalelwe eMpuma Koloni, ndaze ndafunda amabanga am aphantsi kwisikolo i Tyeni eyayiphantsi kotitshala omkhulu uMnumzana A.S Njani. Ndaze ndayokungena esinaleni eHlankomo i-Mhlontlo High School apho bendingumdlali webhola yomnyazi i-Netball, ndaze ndaphumelela ibanga leshumi. Ndiye ndeza kweleNtlazi apho ndiye ndafunda kwiYunivesithi yase Ntshona Koloni (UWC). Ndingumama otshatileyo onabantwana abathathu. Ndisebenzela uRhulumente waseNtshona Koloni.

From the B&N Reads Blog

Customer Reviews